Ilevitikus 7:13-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kunye nemiqhathane yesonka esingenagwele, wosondeza umsondezo wakhe phezu kombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo;

14. asondeze ube mnye othatyathwe emsondezweni wonke, ube ngumrhumo kuYehova, ube ngowombingeleli olitshizayo igazi lombingelelo woxolo.

15. Nenyama yombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo yodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe, kungashiywa nento kuyo kude kuse.

16. Ke ukuba umbingelelo womsondezo wakhe uthe waba ngowesibhambathiso, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, wodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe umbingelelo wakhe; okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso.

17. Ke okuseleyo enyameni yombingelelo kwada kwangumhla wesithathu makutshiswe ngomlilo.

18. Ukuba kuthe kwadliwa, nokuba yintwana le yenyama yombingelelo wakhe woxolo, ngomhla wesithathu, awusayi kumkholekisa owusondezayo, awusayi kubalelwa kuye; woba yimbozisa. Ubani odlayo kuwo wobuthwala ubugwenxa bakhe.

19. Nenyama efike entweni yonke eyinqambi mayingadliwa; yotshiswa ngomlilo. Ke yona inyama, bonke abahlambulukileyo boyidla inyama;

20. ubani osukuba esidla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, enobunqambi bakhe, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

21. Xa athe ubani wachukumisa into eyinqambi, nokuba bubunqambi bomntu, nokuba bubunqambi bezinto ezizitho ziné eziziinqambi, nokuba yinto yonke enezothe eyinqambi, waza wadla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, wonqanyulwa loo mntu, angabikho ebantwini bakowabo.

22. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ize ningadli nqatha lankomo, namvu, nabhokhwe.

24. Inqatha lento ezifeleyo, nenqatha lento eqwengiweyo, ningásebenza ngalo emisebenzini yonke; ke ukulidla ningalidli.

25. Kuba bonke abalidlayo inqatha lezinto ezizitho ziné, abazisondezileyo zaba kukudla kwasemlilweni kuYehova, loo mntu ulidlayo wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

26. Ize ningadli gazi emakhayeni enu onke, nelantaka, nelazinto zizizitho ziné.

27. Wonke ubani osukuba esidla nto iligazi, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

28. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

29. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Lowo usondeza umbingelelo wakhe woxolo kuYehova, ukuwuzisa umsondezo wakhe kuYehova, wówuthabatha kumbingelelo wakhe woxolo lowo.

Ilevitikus 7