Ilevitikus 6:22-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Umbingeleli othanjisiweyo esikhundleni sakhe wowenza koonyana bakhe. Ngummiselo ongunaphakade kuYehova: koqhunyiselwa ngawo uphela;

23. wonke umnikelo wokudla wombingeleli kuqhunyiselwe ngawo uphela, ungàdliwa.

24. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

25. Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini lesono: apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini lesono phambi koYehova; liyingcwele kangcwele lona.

26. Umbingeleli olenzayo idini lesono wolidla; lodliwa endaweni engcwele, entendelezweni yentente yokuhlangana.

27. Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele; nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele.

28. Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe; ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi.

29. Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla: liyingcwele kangcwele lona.

30. Ke lonke idini lesono, ekuziswe inxalenye yegazi lalo ententeni yokuhlangana, ukuba kucanyagushwe engcweleni, malingàdliwa, malitshiswe ngomlilo.

Ilevitikus 6