22. Umbingeleli othanjisiweyo esikhundleni sakhe wowenza koonyana bakhe. Ngummiselo ongunaphakade kuYehova: koqhunyiselwa ngawo uphela;
23. wonke umnikelo wokudla wombingeleli kuqhunyiselwe ngawo uphela, ungàdliwa.
24. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
25. Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini lesono: apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini lesono phambi koYehova; liyingcwele kangcwele lona.
26. Umbingeleli olenzayo idini lesono wolidla; lodliwa endaweni engcwele, entendelezweni yentente yokuhlangana.
27. Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele; nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele.
28. Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe; ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi.
29. Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla: liyingcwele kangcwele lona.
30. Ke lonke idini lesono, ekuziswe inxalenye yegazi lalo ententeni yokuhlangana, ukuba kucanyagushwe engcweleni, malingàdliwa, malitshiswe ngomlilo.