Ilevitikus 5:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke ubani xa athe wona ngokuthi, elivile izwi lesifungo sokuzishwabulela, elingqina ke, nokuba ubonile, nokuba uyazi, angàxeli: wobuthwala ubugwenxa bakhe.

2. Ubani osukuba echukumisa into yonke eyinqambi, nokuba sisidumbu sezinto eziphilileyo eziziinqambi, nokuba sisidumbu sezinto ezizitho ziné eziziinqambi, nokuba sisidumbu sesinambuzane esiyinqambi, engakwazi oko: uyinqambi, uzeké ityala.

3. Xa athe wachukumisa ubunqambi bomntu, ubunqambi bakhe bonke ayinqambi ngabo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeké ityala.

4. Xa ke ubani athe wafunga, waphololoza ngomlomo wakhe, esithi, uya kwenza into, nokuba imbi, nokuba ilungile, ezintweni zonke athe waziphololoza umntu ngesifungo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeké ityala nangayiphi kwezo nto.

Ilevitikus 5