Ilevitikus 27:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke, ukulinganisela kwakho, oyindoda makuthabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, kuse kominyaka imashumi mathandathu ezelwe: ukulinganisela kwakho makube ziishekele zesilivere* ezimashumi mahlanu zengcwele.

4. Ke ukuba yinkazana, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezimashumi mathathu.

5. Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kwesa kumntwana ominyaka imashumi mabini, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele ezimashumi mabini; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

6. Ukuba kuthabathele kumntwana onyanga-nye, kwesa kumntwana ominyaka mihlanu, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele zesilivere ezintlanu; ukulinganisela kwakho oyinkazana makube ziishekele zesilivere ezintathu.

7. Ukuba kuthabathele kominyaka imashumi mathandathu ezelwe kwenyusa, ukuba uyindoda, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezilishumi elinesihlanu; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.

8. Ke ukuba Ășthe wanzonza kunokulinganisela kwakho, makamiswe phambi kombingeleli, umbingeleli amlinganisele; ngento esinokuyifumana isandla salowo ubhambathisileyo, umbingeleli amlinganisele.

9. Ukuba yinkomo leyo, kusondezwa yona ukuba ibe ngumsondezo kuYehova, yonke into enjalo enikelwa kuYehova mayibe ngcwele.

Ilevitikus 27