11. Ke ukuba yinto ezitho ziné eyinqambi, nokuba yiyiphi, ekungàsondezwa msondezo wayo kuYehova, into leyo izitho ziné mayimiswe phambi kombingeleli,
12. umbingeleli ayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; yoba njengokulinganisela kwakho, wena mbingeleli.
13. Ukuba úthe wayikhulula okunene ngentlawulelo, makongeze isahlulo sesihlanu sayo kuko oko kulinganisela kwakho.
14. Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli makayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; njengoko umbingeleli ayilinganiseleyo, yoqiniseka ngokunjalo.