17. Ndonichasa nina, ukuze nibethwe phambi kweentshaba zenu, baninyathele abanithiyayo, nisabe kungekho unisukelayo.
18. Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako, ndokongeza ukunithethisa kasixhenxe ngenxa yezono zenu.
19. Ndolaphula iqhayiya lamandla enu; izulu lenu ndilenze libe njengesinyithi, ilizwe lenu libe njengobhedu;
20. agqitywe ngelizé amandla enu, ilizwe lenu lingayivelisi indyebo yalo, nemithi yelizwe ingazivelisi iziqhamo zayo.
21. Ukuba nithe nahamba ngokundichasa, anavuma ukundiphulaphula, ndosongeza kuni isibetho kasixhenxe ngokwezono zenu;
22. ndinithumele amarhamncwa, awonihlutha abantwana benu, aqwenge neenkomo zenu, anenze nibe mbalwa, neendlela zenu zingàhanjwa.
23. Ukuba nithe anavuma ukuthethiswa ndim noko kungako, nahamba ngokundichasa,
24. nam ndohamba ngokunichasa, nam ndinibethe kasixhenxe ngenxa yezono zenu.
25. Ndonizisela ikrele eliyiphindezelayo impindezelo yomnqophiso. Nokuba nihlanganiséne emizini yenu, ndothuma indyikitya yokufa phakathi kwenu, ninikelwe esandleni sotshaba.
26. Ekuwaphuleni kwam umsimelelo osisonka senu, abafazi abalishumi bososela zikweni-nye isonka senu, basibuyise isonka senu besilinganisile, nidle ningahluthi.
27. Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako,
28. nahamba ngokundichasa, ndohamba ngokunichasa ngokushushu, ndinithethise nam kasixhenxe ngenxa yezono zenu;
29. nidle inyama yoonyana benu, nidle nenyama yeentombi zenu.
30. Ndozitshabalalisa izigánga zenu, ndizigawule iintsika zenu zelanga, ndiziphose izidumbu zenu phezu kwezidumbu zezigodo ezizizithixo zenu; umphefumlo wam udimale níni.
31. Imizi yenu ndoyenza amanxuwa, ndizenze kube senkangala iingcwele zenu, ndingalivi ivumba lenu lokuthozamisa;
32. ilizwe ndilènze mna kube senkangala, iintshaba zenu ezimiyo kulo zimangaliswe lilo.
33. Ndonichithachitha phakathi kweentlanga, ndirhole ikrele lam emva kwenu, ilizwe lenu kube senkangala, imizi yenu ibe ngamanxuwa.
34. Liya kwandula ukwaneliswa ziisabatha zalo ilizwe, yonke imihla ekusenkangala ngayo, nina ke nísezweni leentshaba zenu. Liya kwandula ukuphumla ilizwe, laneliswe ziisabatha zalo.
35. Yonke imihla ekusenkangala ngayo lophumla; oko lingakuphumlanga ngeesabatha zenu ekulihlaleni kwenu.
36. Abaseleyo kuni, ndongenisa inyungu ezintliziyweni zabo emazweni eentshaba zabo; bagxothwe kukurhashaza kwegqabi eliphetshethwayo, basabe ngathi basaba ikrele, bawe kungekho ubasukelayo;