16. nam ndiya kwenza oku kuni: ndiya kunivelela ngento ekhwankqisayo, ngesifo sephepha, nangecesina ephelisa amehlo, eyethisa umphefumlo; nifumane nihlwayele imbewu yenu, idliwe ziintshaba zenu.
17. Ndonichasa nina, ukuze nibethwe phambi kweentshaba zenu, baninyathele abanithiyayo, nisabe kungekho unisukelayo.
18. Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako, ndokongeza ukunithethisa kasixhenxe ngenxa yezono zenu.
19. Ndolaphula iqhayiya lamandla enu; izulu lenu ndilenze libe njengesinyithi, ilizwe lenu libe njengobhedu;
20. agqitywe ngelizé amandla enu, ilizwe lenu lingayivelisi indyebo yalo, nemithi yelizwe ingazivelisi iziqhamo zayo.
21. Ukuba nithe nahamba ngokundichasa, anavuma ukundiphulaphula, ndosongeza kuni isibetho kasixhenxe ngokwezono zenu;
22. ndinithumele amarhamncwa, awonihlutha abantwana benu, aqwenge neenkomo zenu, anenze nibe mbalwa, neendlela zenu zingàhanjwa.
23. Ukuba nithe anavuma ukuthethiswa ndim noko kungako, nahamba ngokundichasa,
24. nam ndohamba ngokunichasa, nam ndinibethe kasixhenxe ngenxa yezono zenu.
25. Ndonizisela ikrele eliyiphindezelayo impindezelo yomnqophiso. Nokuba nihlanganiséne emizini yenu, ndothuma indyikitya yokufa phakathi kwenu, ninikelwe esandleni sotshaba.
26. Ekuwaphuleni kwam umsimelelo osisonka senu, abafazi abalishumi bososela zikweni-nye isonka senu, basibuyise isonka senu besilinganisile, nidle ningahluthi.
27. Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako,