Ilevitikus 25:52-55 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

52. Ukuba kuthe kwasala iminyaka embalwa, ukuze kube ngumnyaka wentlokoma, wóbala ngokweminyaka yakhe, abuyise intlawulelo yokukhululwa kwakhe.

53. Wóba njengomqeshwa umnyaka ngomnyaka kuye; aze angamphathi ngokutyumzayo emehlweni akho.

54. Ukuba úthe, àkakhululwa ngentlawulelo ngabo abo, wophuma ngomnyaka wentlokoma, yena enabantwana bakhe.

55. Ngokuba kum oonyana bakaSirayeli ngabakhonzi; bangabakhonzi bam endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. NdinguYehova, uThixo wenu.

Ilevitikus 25