1. Wathetha uYehova kuMoses entabeni yaseSinayi, esithi,
2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe elo ke lophumla isabatha kuYehova.
3. Wòyihlwayela iminyaka emithandathu intsimi yakho, usithêne isidiliya sakho iminyaka emithandathu, uhlanganise ungeniselo lwaso;
4. ke umnyaka wesixhenxe woba yisabatha yesabatha kulo ilizwe, isabatha kuYehova. Uze ungayihlwayeli intsimi yakho, ungasitheni isidiliya sakho;
5. ungawuvuni ummilela wokuvuna kwakho, neediliya zesidiliya sakho esingathenwanga uze ungazisiki. Woba ngumnyaka wesabatha kulo ilizwe.