39. Kodwa ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni yesixhenxe, ekuhlanganiseni kwenu ungeniselo lwelizwe, ize nenze umthendeleko kaYehova iintsuku ezisixhenxe; ngomhla wokuqala yisabatha, nangomhla wesibhozo yisabatha.
40. Ize nizithabathele ngomhla wokuqala amahlamvu emithi okuhombisa, amagqabi amasundu, namasebe emithi ethe shinyi, nemingculuba yasemlanjeni; nigcobe phambi koYehova uThixo wenu iintsuku ezisixhenxe.
41. Lo mthendeleko nowenzela uYehova iintsuku ezisixhenxe ngomnyaka. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu: niwenze umthendeleko ngenyanga yesixhenxe.
42. Nohlala eminqubeni iintsuku ezisixhenxe; bonke abazalelwe kwaSirayeli bohlala eminqubeni;
43. ukuze zazi izizukulwana zenu, ukuba ndabahlalisa oonyana bakaSirayeli eminqubeni, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
44. UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli amaxesha lawo amisiweyo kaYehova.