21. Nize nimeme ngenkqu yayo loo mini, ukuba kubekho intlanganiso engcwele kuni; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Ngummiselo ongunaphakade emakhayeni enu onke ezizukulwaneni zenu.
22. Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungaligqibi icala lentsimi yakho ekuvuneni kwakho, ungalubhikici ubhikico lwesivuno sakho; woshiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova uThixo.
23. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
24. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, noba nesabatha, isikhumbuzo sokumema ngesigodlo intlanganiso engcwele.
25. Ize ningenzi namnye umsebenzi wakukhonza; nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova.
26. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
27. Kodwa ngolweshumi kule nyanga yesixhenxe, ngomhla wokucamagusha, yoba yintlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu; nisondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova.
28. Ize ningenzi namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, kuba ngumhla wokucamagusha, wokunicamagushela phambi koYehova uThixo wenu.
29. Kuba wonke umphefumlo, osukuba ungazithobi ngenkqu yayo loo mini, wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
30. Wonke umphefumlo, osukuba usenza namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, ndowutshabalalisa loo mphefumlo, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
31. Ize ningenzi namnye umsebenzi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke.
32. Yisabatha kasabatha kuni; nóyithoba imiphefumlo yenu. Ngolwesithoba enyangeni leyo, ngokuhlwa, kuthabathele ekuhlweni kuse ekuhlweni, nophumla ngesabatha yenu.
33. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
34. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngosuku lweshumi elinesihlanu kule nyanga yesixhenxe, ngumthendeleko weminquba iintsuku ezisixhenxe kuYehova.
35. Ngosuku lokuqala yintlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
36. Iintsuku ezisixhenxe nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova; ngosoku lwesibhozo yoba yintlanganiso engcwele kuni, nisondeze ukudla kwasemlilweni kuYehova. Yingqungquthela; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.