Ilevitikus 21:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Mababe ngcwele kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.

7. Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelweyo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.

8. Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; wóba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.

9. Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.

10. Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambathe izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli iingubo zakhe;

11. angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.

12. Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.

13. Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.

14. Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;

15. angayihlambeli imbewu yakhe phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ndinguYehova omngcwalisayo.

16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

Ilevitikus 21