Ilevitikus 21:4-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Engumninimzi nje, makangazenzi inqambi phakathi kwabantu bakowabo, ukuba azihlambele.

5. Ize bangenzi mpandla entlokweni yabo, bangaliguyi icala leendevu zabo, bangayicenti inyama yabo.

6. Mababe ngcwele kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.

7. Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelweyo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.

8. Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; wóba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.

9. Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.

10. Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambathe izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli iingubo zakhe;

11. angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.

12. Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.

13. Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.

14. Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;

15. angayihlambeli imbewu yakhe phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ndinguYehova omngcwalisayo.

16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

17. Thetha kuAron, uthi, Indoda phakathi kwembewu yakho ezizukulwaneni zabo, esukuba inesiphako, mayingasondeli isondeze ukudla koThixo wayo.

Ilevitikus 21