Ilevitikus 20:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ize niyigcine imimiselo yam niyenze: ndinguYehova oningcwalisayo.

9. Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.

10. Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexèze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.

11. Indoda esukuba imlala umkayise, ityhilé ubuzé bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.

12. Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.

13. Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benzé amasikizi: mababulawe bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.

14. Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.

15. Indoda esukuba ilala into ezitho ziné, mayibulawe ife; naloo nto izitho ziné niyibulale.

16. Inkazana esukuba isondela entweni ezitho ziné, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho ziné mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.

17. Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuzé bakhe, wabubona yena ubuzé bayo, benzé ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhilé ubuzé bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.

18. Indoda esukuba imlala umfazi enomzí yabutyhila ubuzé bakhe, yalenza laba zé ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.

Ilevitikus 20