Ilevitikus 20:6-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.

7. Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

8. Ize niyigcine imimiselo yam niyenze: ndinguYehova oningcwalisayo.

9. Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.

10. Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexèze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.

11. Indoda esukuba imlala umkayise, ityhilé ubuzé bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.

12. Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.

13. Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benzé amasikizi: mababulawe bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.

14. Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.

15. Indoda esukuba ilala into ezitho ziné, mayibulawe ife; naloo nto izitho ziné niyibulale.

16. Inkazana esukuba isondela entweni ezitho ziné, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho ziné mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.

17. Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuzé bakhe, wabubona yena ubuzé bayo, benzé ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhilé ubuzé bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.

18. Indoda esukuba imlala umfazi enomzí yabutyhila ubuzé bakhe, yalenza laba zé ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.

19. Ubuzé bonyokokazi nobodade boyihlo uze ungabutyhili, ngokuba uyenza ibe zé inyama yakhe; bobuthwala ubugwenxa babo.

20. Indoda esukuba imlala umkayisekazi, yabutyhila ubuzé boyisekazi: bosithwala isono sabo, bafe bengenamntwana.

21. Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo: ityhile ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.

22. Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze, ukuze linganihlanzi ilizwe elo ndinisa kulo ukuba nihlale kulo.

23. Ize ningahambi emimiselweni yohlanga olo ndilugxothayo ebusweni benu; ngokuba bazenzile zonke ezo nto, ndakruquka ngabo.

Ilevitikus 20