Ilevitikus 20:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi, Yithi koonyana bakaSirayeli:

2. Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki* imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.

3. Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.

Ilevitikus 20