1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi, Yithi koonyana bakaSirayeli:
2. Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki* imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.
3. Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.