Ilevitikus 2:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova leyo.

4. Xa usondeza umsondezo ongumnikelo wokudla okosiweyo ezikweni lezonka, woba yimiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, ezithanjiswe ioli.

5. Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okungepani, woba ngumgubo ocoliweyo ongenagwele, ugalelwe ioli.

6. Wòwuqhekeza ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo.

7. Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngembiza, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli.

8. Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziweyo ngezo nto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awuse esibingelelweni;

9. asuse umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

10. Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova.

11. Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingènziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.

12. Ningázisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.

13. Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla wòyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.

Ilevitikus 2