11. Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingènziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.
12. Ningázisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.
13. Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla wòyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.
14. Ukuba usondeza umnikelo wokudla wentlahlela kuYehova, oyinto esizilwayo ehle yavuthwa, wosondeza ikhweba, umnikelo wokudla wentlahlela yakho.
15. Uze uyibeke ioli phezu kwalo, ubeke nentlaka emhlophe phezu kwalo; ngumnikelo wokudla ke lowo.
16. Woqhumisela umbingeleli ngesikhumbuzo sawo kuloo nto yawo isizilwayo, nakwioli yawo, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke. Kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.