Ilevitikus 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke xa ubani asondeza umsondezo ongumnikelo wokudla kuYehova, umsondezo wakhe lowo woba ngumgubo ocoliweyo, agalele ioli phezu kwawo, abeke intlaka emhlophe phezu kwawo.

2. Wówuzisa koonyana baka-Aron, ababingeleli, aze umbingeleli asube kuwo, azalise isandla sakhe emgubeni ocoliweyo naseolini apho, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke, aqhumisele umbingeleli esibingelelweni ngesikhumbuzo sawo. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

3. Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova leyo.

4. Xa usondeza umsondezo ongumnikelo wokudla okosiweyo ezikweni lezonka, woba yimiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, ezithanjiswe ioli.

5. Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okungepani, woba ngumgubo ocoliweyo ongenagwele, ugalelwe ioli.

6. Wòwuqhekeza ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo.

7. Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngembiza, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli.

8. Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziweyo ngezo nto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awuse esibingelelweni;

9. asuse umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

Ilevitikus 2