2. Thetha kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Yibani ngcwele; kuba ndiyiNgcwele mna, Yehova, uThixo wenu.
3. Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu.
4. Musani ukubheka kwiinto ezingení; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.
5. Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise.
6. Wódliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo.
7. Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa.
8. Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
9. Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho.
10. Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.
11. Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani.
12. Ize ningalifungi igama lam nixoka; ungalihlambeli igama loThixo wakho: ndinguYehova.
13. Ùze ungamcudisi ummelwane wakho, uze ungaxhakamfuli; umvuzo womqeshwa úze ungalali kuwe kude kuse.
14. Uze ungasitshabhisi isithulu; uze ungabeki sikhubekiso phambi kwemfama; uze umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.
15. Ze ningenzi bugqwetha ekugwebeni; unganoneleli nomntu osweleyo, ungabeki buso basikhulu; womgweba ngobulungisa ummelwane wakho.
16. Uze ungahambi uyintlebi phakathi kwabantu bakowenu; uze ungalizondi igazi lommelwane wakho: ndinguYehova.
17. Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungazithwalisi sono ngenxa yakhe.