6. Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuzé bayo: ndinguYehova.
7. Ubuzé bukayihlo, ubuzé bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuzé bakhe.
8. Ubuzé bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuzé bukayihlo obo.
9. Ubuzé bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuzé bayo.
10. Ubuzé bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuzé bayo; ngokuba ibubuzé bakho.
11. Ubuzé bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuzé bayo.
12. Ubuzé bodade boyihlo uze ungabutyhili: yinyama yoyihlo leyo.
13. Ubuzé bonyokokazi uze ungabutyhili: kuba yinyama yonyoko leyo.
14. Ubuzé boyihlokazi uze ungabutyhili, ungasondeli kumkakhe: ngunyokokazi lowo.
15. Ubuzé bomolokazana wakho uze ungabutyhili: ngumkanyana wakho lowo; uze ungabutyhili ubuzé bakhe.
16. Ubuzé bomfazi womntakayihlo uze ungabutyhili: bubuzé bomntakayihlo obo.
17. Ubuzé bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuzé bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo.
18. Umfazi uze ungamzekeli phezu kodade wabo, ukuba ubandezele, ukuba ubutyhile ubuzé bakhe phezu kwakhe, ekudleni kwakhe ubomi.
19. Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuzé bakhe.