1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nokoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo, lokuthi:
3. Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkomo, nemvu, nebhokhwe, eminqubeni, nosukuba eyixhelela ngaphandle kweminquba,
4. angàyizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba isondezwe ibe ngumsondezo kuYehova phambi komnquba kaYehova: igazi lobalelwa kuloo mntu; aphalazé igazi; wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo;
5. ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo abayibingelelayo ezindle, bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana kumbingeleli, bayibingelele ibe yimibingelelo yoxolo kuYehova.
6. Umbigeleli wolitshiza igazi layo esibingelelweni sikaYehova, emnyango wentente yokuhlangana, aqhumisele ngenqatha, libe livumba elithozamisayo kuYehova.
7. Mabangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwizithixo ezimaxhonti, abahenyuza ngokuzilandela. Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kubo ezizukulwaneni zabo.