Ilevitikus 13:51-55 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

51. ayikhangele loo nto inesibetho ngomhla wesixhenxe. Xa sithe saqhenqetha isibetho engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasesikhumbeni, ezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba: liqhenqa elisenza mandundu isibetho. Yinqambi ke leyo.

52. Wóyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nemphala yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.

53. Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba:

54. wowisa umthetho umbingeleli, ihlanjwe loo nto sikuyo isibetho, aphinde ayivalele imihla esixhenxe;

55. asikhangele umbingeleli isibetho emveni kokuhlanjwa, O! isibetho asiguqukanga ukubonakala kwaso, asiqhenqethanga isibetho: yinqambi loo nto; yotshiswa ngomlilo. Yinkrombonca ngaphakathi nangaphandle.

Ilevitikus 13