1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umfazi, xa athe wathabatha, wazala inkwenkwe, woba yinqambi imihla esixhenxe; njengemihla yokungcola komzí wakhe woba yinqambi.
3. Ngomhla wesibhozo iya kwalùswa inyama yokwalùswa;
4. aze ahlale egazini lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathathu anantsuku-ntathu; angazichukumisi zonke izinto ezingcwele, angangeni engcweleni, zide zizaliseke iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe.
5. Ke ukuba uthe wazala intombi, woba yinqambi iiveki ezimbini, njengasekungcoleni kwakhe; ahlale phezu kwegazi lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathandathu anantsuku ntandathu.
6. Ekuzalisekeni kweentsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngonyana, nokuba kungentombi, wozisa imvana emnyaka mnye ibe lidini elinyukayo, negobo levukuthu nokuba lihobe, libe lidini lesono, emnyango wentente yokuhlangana, kuye umbingeleli;