Ekuzalisekeni kweentsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngonyana, nokuba kungentombi, wozisa imvana emnyaka mnye ibe lidini elinyukayo, negobo levukuthu nokuba lihobe, libe lidini lesono, emnyango wentente yokuhlangana, kuye umbingeleli;