15. Wolisondeza umbingeleli esibingelelweni, aliqhawule intloko, aqhumisele ngalo esibingelelweni, igazi lalo likhanyelwe ecaleni lesibingelelo.
16. Aze asuse indlelo yalo kunye nento ephakathi kwalo, azilahlele ecaleni lesibingelelo elingasempumalanga, ezaleni;
17. alicande emaphikweni alo, engawahluli kanye, aqhumisele ngalo umbingeleli esibingelelweni, phezu kweenkuni eziphezu komlilo. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.