4. Ikhanyisa elimiweyo imibane yakhe;Ùyabona umhlaba, uzibhija-bhije.
5. Iintaba zinyibilika njengomthwebeba phambi koYehova,Phambi kweNkosi yehlabathi lonke.
6. Izulu lixela ubulungisa bakhe,Zilubone uzuko lwakhe zonke izizwe.
7. Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo,Abaqhayisa ngeento ezingento;Bayamnqula bonke oothixo.
8. Iyeva, iyavuya iZiyon,Ziyagcoba iintombi zakwaYuda,Ngenxa yemigwebo yakho, Yehova.
9. Ngokuba nguwe, Yehova, Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke;Ùnyukile kunene ngaphezu koothixo bonke.
10. Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi.Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakheÚya kubahlangula esandleni sabangendawo.