7. Ngokuba nguThixo wethu yena,Thina ke singabantu bokwalúswa nguye, nezimvu zesandla sakhe.Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,
8. Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha,*Njengemini yaseMasa entlango;
9. Oko bandilingáyo ooyihlo.Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.
10. Iminyaka yaba ngamashumi amané ndikruqukile sesi sizukulwana,Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo,Àbazazi iindlela zam bona;
11. Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi,Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.