1. Yizani simemelele kuYehova,Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu.
2. Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo,Masidume kuye ngeengoma.
3. Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova,NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.
4. Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi,Neencopho zeentaba zezakhe.
5. Ulolwàkhe ulwandle, nguyena walwenzayo;Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe.
6. Yizani, masiqubude, siguqe,Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.
7. Ngokuba nguThixo wethu yena,Thina ke singabantu bokwalúswa nguye, nezimvu zesandla sakhe.Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,
8. Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha,*Njengemini yaseMasa entlango;