5. Ubadlisa isonka seenyembezi,Wabaseza iinyembezi ngemilinganiso.
6. Ùsenzé into abaxabana ngayo abamelwane bethu;Iintshaba zethu ziyasigculela.
7. Thixo wemikhosi, síbuyise,Ukhanyise ubuso bakho, sisindiswe.
8. Wanyothula umdiliya eYiputa,Wagxotha iintlanga, wawutyala;
9. Wahlahla phambi kwawo,Wendelisa iingcambu, wazalisa ilizwe.
10. Zagutyungelwa iintaba ngumthunzi wawo,Nemisedare* kaThixo ngamasebe awo.
11. Wasa amasebe awo elwandle,Namagatya awo kuwo uMlambo.*
12. Ùzityhobozeleni na iintango zawo,Ukuze bawukhe bonke abadlula ngendlela?
13. Ingulube yasehlathini iyawubhuqa,Nento edakasa endle iyawudla.