Iindumiso 78:17-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Baqokela noko ukona kuye,Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.

18. Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo,Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla.

19. Bathetha ngoThixo, bathi,Únako na uThixo ukulungisa isithebe entlango?

20. Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi,Yakhukula nemilanjana;Wóba nako na nokubanika ukutya,Nokubalungiselela inyama abantu bakhe?

21. Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe,Watsha umlilo kwaYakobi,Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;

22. Ngokuba bengakholwanga kuThixo,Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.

23. Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu,Wazivula iingcango zezulu;

24. Wabanisela ngemana* ukuze badle,Wabanika ingqolowa yasezulwini.

25. Umntu wadla isonka sOnamandla;Wabathumela umphako bada badikwa.

26. Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini,Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;

27. Wabanisela inyama njengothuli,Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;

28. Yawa phakathi kweminquba yabo,Ngeenxa zonke emakhayeni abo.

29. Badla, bahlutha kakhulu,Wabazisela ke inkanuko yabo.

30. Bengekashenxi enkanukweni yabo,Kusekho ukudla kwabo emlonyeni wabo:

31. Kwenyuka umsindo kaThixo waya kubo,Wabulala phakathi kwabatyebileyo babo,Wawawisa amadodana akwaSirayeli.

32. Kuyo yonke loo nto bahambisa ngokona,Àbakholwa yimisebenzi yakhe ebalulekileyo.

33. Wayiphelisa ke imihla yabo njengomphunga,Neminyaka yabo ngokukhwankqisa.

34. Xa wathi wababulala, bamquqela;Babuya bamquqela uThixo ngenyameko,

Iindumiso 78