13. Wàludabula ulwandle, wabaweza,Wawamisa amanzi njengemfumba.
14. Wabakhapha ngelifu emini,Ngokukhanya komlilo ubusuku bonke,
15. Walicanda iliwa entlango,Wabaseza amanzi anzongonzongo kakhulu;
16. Wavelisa imiqukuqela yamanzi engxondorheni,Wahlisa amanzi njengemilambo.
17. Baqokela noko ukona kuye,Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.
18. Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo,Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla.
19. Bathetha ngoThixo, bathi,Únako na uThixo ukulungisa isithebe entlango?
20. Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi,Yakhukula nemilanjana;Wóba nako na nokubanika ukutya,Nokubalungiselela inyama abantu bakhe?
21. Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe,Watsha umlilo kwaYakobi,Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;
22. Ngokuba bengakholwanga kuThixo,Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.
23. Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu,Wazivula iingcango zezulu;
24. Wabanisela ngemana* ukuze badle,Wabanika ingqolowa yasezulwini.