6. Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi;Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.
7. Amehlo abo avelile kukutyeba;Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.
8. Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi;Bathetha iindumbisa zamazwi.
9. Bawubeka ezulwini umlomo wabo,Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.
10. Ngako oko abantu babo babuyela apha;Bafinca amanzi amaninzi.
11. Bathi, Únokuthini na ukwazi uThixo?Kukho ukwazi na kOsenyangweni?
12. Yabona abangendawo abayáBanokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.
13. Sìfumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti,Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;
14. Ndakhathazeka imini yonke,Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.
15. Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha,Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.
16. Ndathi ke ndakùcinga ukuba ndikwázi oko,Kwayinkohla emehlweni am;
17. Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo,Ndakúgqala ke ukuphela kwabo.
18. Inene, ùbamise ezindaweni ezibuthelezi,Wabawisa baba yintshabalala.
19. Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo;Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.
20. Njengephupha ekuqabukeni komntu,Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wòwudela umfanekiso wabo.
21. Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo,Ndahlabeka ezintsweni,
22. Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi;Ndoba ke ndisisilo kuwe.
23. Mna ke ndihlala ndinawe;Ùndibambile ngesandla sam sokunene;