6. Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi;Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.
7. Amehlo abo avelile kukutyeba;Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.
8. Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi;Bathetha iindumbisa zamazwi.
9. Bawubeka ezulwini umlomo wabo,Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.
10. Ngako oko abantu babo babuyela apha;Bafinca amanzi amaninzi.
11. Bathi, Únokuthini na ukwazi uThixo?Kukho ukwazi na kOsenyangweni?
12. Yabona abangendawo abayáBanokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.