Iindumiso 72:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Makaphathe ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle,Ethabathela kuwo uMlambo* ase eziphelweni zehlabathi.

9. Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu,Zikhothe uthuli iintshaba zakhe.

10. Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo;Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba;

11. Baqubude kuye bonke ookumkani,Zimkhonze sonke iintlanga.

12. Ngokuba úya kulihlangula ihlwempu elizibikayo,Nabaziintsizana abangenaluncedo;

13. Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu;Asindise imiphefumlo yamahlwempu;

14. Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni;Linqabile emehlweni akhe igazi lawo.

15. Úya kuphila anikwe igolide yakwaShebha,Bahlale bemthandazela,Bamsikelele imini yonke.

16. Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba;Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon;Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba.

17. Malibe ngunaphakade igama lakhe;Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga,Bazisikelele ngaye;Mazithi zonke iintlanga úngonoyolo.

Iindumiso 72