Iindumiso 72:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo;Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba;

11. Baqubude kuye bonke ookumkani,Zimkhonze sonke iintlanga.

12. Ngokuba úya kulihlangula ihlwempu elizibikayo,Nabaziintsizana abangenaluncedo;

13. Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu;Asindise imiphefumlo yamahlwempu;

14. Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni;Linqabile emehlweni akhe igazi lawo.

15. Úya kuphila anikwe igolide yakwaShebha,Bahlale bemthandazela,Bamsikelele imini yonke.

16. Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba;Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon;Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba.

17. Malibe ngunaphakade igama lakhe;Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga,Bazisikelele ngaye;Mazithi zonke iintlanga úngonoyolo.

18. Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli.Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa.

19. Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade,Lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe. Amen, amen.

Iindumiso 72