2. Njengokuphetshethwa komsi, báphephethe;Njengokunyibilika komthwebeba phambi komlilo,Mabadake ngokunjalo abangendawo ebusweni bukaThixo.
3. Ke wona amalungisa makavuye, adlamke phambi koThixo,Abe nemihlali, enemivuyo.
4. Vumani kuThixo, libetheleni uhadi igama lakhe;Menzeleni umendo ophakamileyo, ulokhwela ecanda ezinkqantosini,Ogama lakhe linguYehova; nidlamke phambi kwakhe.
5. Uyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi,NguThixo ekhayeni lakhe elingcwele.
6. UThixo nguhlalisa endlwini ababebodwa,Ngukhuphela enywebeni ababanjiweyo;Ngabaziinjubaqa bodwa abahlala kwelibalelelweyo.