Iindumiso 68:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Niyigxeleshelani na, zintaba zincopho zininzi,Intaba ayinqweneleyo uThixo ukuba ahlale kuyo?Ewe, uYehova uya kuhlala kuyo ngonaphakade.

17. Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka;INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,

18. Ùnyuké waya phezulu, ùthimbe abathinjwa,Ùthabathe izipho phakathi kwabantu,Naphakathi kwabaziinjubaqa, ukuba ahlale uYehova uThixo khona.

19. Mayibongwe iNkosi;Ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla;NguThixo umsindisi wethu. (Phakamisani.)

20. Yena uThixo kuthi nguThixo wosindiso,Kokuka Yehova, iNkosi yethu, ukukhupha ekufeni.

21. Kodwa uThixo uya kuyiphalusa intloko yeentshaba zakhe, Nentloko enesihlwitha yohambayo kwizigqitho zakhe.

22. Yathi iNkosi, Ndiya kuzibuyisa eBhashan,Ndiya kuzibuyisa iintshaba zakho ezinzulwini zolwandle;

Iindumiso 68