5. Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo,Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.
6. Wáluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo;Bawuwela umlambo ngeenyawo;Apho savuya ngaye.
7. Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade;Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni;Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)
8. Mbongeni, zizwe, uThixo wethu,Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.
9. Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.
10. Ngokuba ùsicikidile, Thixo;Ùsinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;
11. Ùsingenise emboniselweni;Ùbeke uxinzelelo esinqeni sethu;
12. Ùkhwelise abantu entlokweni yethu;Singéne emlilweni nasemanzini;Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.
13. Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo;Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,
14. Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam,Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.
15. Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo,Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha;Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)
16. Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo,Oko akwenzele umphefumlo wam.
17. Ndadanduluka kuye ngomlomo wam;Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.