Iindumiso 63:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thixo, ùnguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa,Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelelaEzweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.

2. Ndenjénjalo ukukhangela kuwe engcweleni,Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho.

3. Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi,Umlomo wam uya kukuncoma.

Iindumiso 63