3. Ngokuba ulihlathi lam,Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
4. Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphade,Ndiya kuzímela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)
5. Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam;Ubaniké ilifa abaloyikayo igama lakho.
6. Ùya kongeza imihla emihleni yokumkani;Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;
7. Úya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo;Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.
8. Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade,Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.