1. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam;Wubazele indlebe umthandazo wam.
2. Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam;Ndíkhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
3. Ngokuba ulihlathi lam,Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
4. Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphade,Ndiya kuzímela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)
5. Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam;Ubaniké ilifa abaloyikayo igama lakho.
6. Ùya kongeza imihla emihleni yokumkani;Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;