Iindumiso 60:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase,UEfrayim sisigcina-ntloko sam,UYuda yintonga yam yommiselo;

8. UMowabhi sisitya sam sokuhlambela,Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam;Filisti, nkqangaza wena ngam.

9. Ngubani na owondisa emzini wamandla?Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?

10. Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo?Àkwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.

11. Síncede kumbandezeli wethu;Alunto yanto usindiso lomntu.

12. NgoThixo siya kweyisa,Wóbagqusha yena ababandezeli bethu.

Iindumiso 60