Iindumiso 60:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thixo, usihlambile, wasichitha,Waqumba; ngamana wasibuyisa.

2. Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule;Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.

3. Ubabonisile abantu bakho into elukhuni,Usisezé iwayini ehexisayo.

4. Ubanike ibhanile* abakoyikayo,Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)

5. Ukuze zihlangulwe iintánda zakho,Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.

Iindumiso 60