Iindumiso 59:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Bágqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho;Baqónde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi,Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14. Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

15. Bona babhadulela ukudla;Ukuba bathe àbahlutha, balala apho.

16. Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho,Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho,Kuba ubuyingxonde kum,Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.

17. Mandla am, ndiya kukubethela uhadi;Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.

Iindumiso 59