Iindumiso 56:7-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Bengamatshinga nje, bosinda na?Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.

8. Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena;Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho;Àzisencwadini yakho na?

9. Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo;Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.

Iindumiso 56