1. Ndíbabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda;Bandixinile, besilwa yonke imini;
2. Abandilalelayo bandizonda yonke imini,Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.
3. Mhlana ndinxunguphalayo mna,Ndokoholosa ngawe.
4. Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe,Ndikholòse ngoThixo, ndingoyiki;Inokundenza ntoni na inyama?
5. Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am;Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.
6. Baqukene, babonisele,Bona bagcine izithende zam,Ngokokuba belinde umphefumlo wam.
7. Bengamatshinga nje, bosinda na?Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.
8. Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena;Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho;Àzisencwadini yakho na?