3. Ngokuba abasemzini basukela phezulu kum,Nabanobungqwangangqwili bafuna umphefumlo wam;Àbammisi uThixo phambi kwabo. (Phakamisani.)
4. Yabona, uThixo ngumncedi wam;INkosi yam ikwabasekela umphefumlo wam.
5. Úya kubuyisela ububi kwabandilalelayo;Ngenyaniso yakho bábhangise.
6. Ndiya kubingelela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo;Ndiya kubulela kwigama lakho, Yehova, kuba lilungile.