Iindumiso 53:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu,Ukubona ukuba ukho na oqiqayo,Ofuna uThixo.

3. Bonke babuyé umva, bayimbozisa bephelele;Akukho wenza okulungileyo,Akukho nokuba abe mnye.

4. Àbanakwazi na abasebenzi bobutshinga,Ábathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka,Bangamnquli uThixo?

5. Apho bánkwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo;Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho;Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile.

6. Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli!Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni,Wógcoba uYakobi, avuye uSirayeli.

Iindumiso 53