Iindumiso 52:6-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Obona amalungisa, oyike,Amhleke, athi,

7. Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo,Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe,Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe.

8. Ke mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini kaThixo;Ndikholose ngenceba kaThixo ngonaphakade kanaphakade.

9. Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku;Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho.

Iindumiso 52